EzemfundoEzempilo

ISIKOLO SEZONYANGO SIZAMA UKUPHUCULA INKONZO YEZEMPILO

WSU- Idini esandula ukwenyulwa kwicandelo lezonyango, impilo kunye nezenzululwazi kwidyunivesithi yaseWalter Sisulu(WSU) uNjingalwazi Wezile Chitha ungqinile ukuba iWSU, izama ngako konke okusemandleni ukuqinisa iinkonzo zempilo ephondweni.


“Idyunivesithi iWalter Sisulu(WSU) izama ngako konke okusemandleni ukuqinisa izifundo zayo, kwaye iqweba iqhinga lokwakha impilo engcono ekuhlaleni. Kodwa ke ndiyangqina ukuba isaqhwalela inkqubo yezempilo ephondweni,” utshilo okaChitha.

Oka Chitha ukuthethe oku ngexesha bebegqumbene ngentloko beyikomiti karhulumente yezemfundo(AGC) behleli nesebe lezempilo, bejonge isimo senkonzo sezempilo ephondweni.

Ukongeza uChitha uthe, kubalulekile ukuba imfundo yaseMpuma Koloni kunye nenkqubo yezempilo zisebenze zombini zingagxili kakhulu ekunikezeleni umgangatho ophakamileyo, kodwa zikhangele ngamandla izisombululo zomgaqo nkqubo wezempilo ephondweni.

Lentlanganiso ibikwaqwalasela ngamadla isivumelwano esiphakathi kwesebe lezempilo ephondweni kunye neWSU ekuxhaseni inkqubo yenkonzo yezempilo ephondweni.

Ngonyaka ka2023, esisivumelwano saveza iprojekthi apho iingcali zaseWSU zatyalwa kwisibhedle iSt Elizabeth, esiseLusikisiki ukuze ziphuchule iinkonzo zempilo.

Iinkonzo ezityaliweyo; Oncology, Renal Dialysis, Paediatric kunye neChild Health, Obstetrics kunye neGynaecology, Pyschiatry kunye neRadiology zinceda kakhulu uluntu laseBizana, Sajonisi kunye neLusikisiki.

Ukongeza uChitha ungqinile ukuba elicandelo likujonge ngamehlo abomvu ukugxila kwisibhedlele iNelson Mandela Academic esiseMthatha njengenye yeprojekthi yabo.

27 EyoKwindla 2024